Awuzokubakho umlo wentshinga yaseMpuma Koloni kudidi lwelightweight phakathi kwentshatsheli uSiseko Makeleni noHlumelo Gingxana, mlo lowo obuzakubanjelwa eKing Hintsa FET College, eDutywa, ngoMgqibelo weveki ezayo.

Oku kuza emva kokuba uMakeleni exelele umlawuli wakhe uThembelani ‘Shakes’ Hlombe esithi akazokukwazi ukulwa kwitumente ye-Isizwe Boxing Promotions ngenxa yongabisempilweni. Lento ishiye umphathi we-Isizwe Boxing Promotions uNtsikayezwe Sigcawu ekrwempa intloko njengoko ezama ukufumana enye imbethi-manqindi ezakulwa noGingxana. 

“UMakeleni undixelele ukuba udumbe imilenze, kwaye soze akwazi ukulwa kuleveki ezayo. Ndimcebise ukuba aye kwagqirha ukuze ugqirha amxilonge, aze amnike iphepha elingqina ukuba ngenene akakho mpilweni,” utshilo uHlombe. 

Lo mlo kaMakeleni noGingxana ubusoloko uthiwe mbende ziingxaki kususela mhla kwabonakala ukuba uMakeleni akaziqeqeshi emva kokumka kwakhe eMonti, egoduka esiya eMthatha.

Kodwa ke abalawuli bakhe bebenethemba lokokuba uzakubuyela enkampini eMonti ebutsheni beveki, into angakhange ayenze de waxelela uHlombe ngomlenze odumbileyo.

UMakeleni akakalwi kususela mhla wabethwa nguKaine Fourie kumlo we-International Boxing Federation (IBF) Africa kudidi lwelightweight eBox Camp Booysens, eRhawutini, ngoJulayi kulonyaka ophelileyo.

USigcawu uthethe wathi: “UMakeleni akazimiselanga emanqindini, mhlawumbi ufuna ukuwayeka amanqindi. Usityikityele ntoni isivumelwano somlo xa kanti ebesazi ukuba akazokuwuthabatha umlo? Ngoku ndisazama ukufumana enye imbethi-manqindi.” – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php