Intshatsheli yehlabathi uPhumelela ‘The Truth’ Cafu uphendulile emva kokuba u-Andrew ‘The Monster’ Moloney wase-Australia ethe ufuna bangquzulane eqongeni. 

UCafu, ongekayikhuseli intshinga yakhe yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-bantamweight awayiphumelela ngethuba ebetha ngamanqaku uKosei Tanaka waseJapan eJapan ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo.

Kungoku nje, iBoxing 5, ethelekisa lentshatsheli eyazalelwa eDuncan Village, sele ibhengezile ukuba uCafu uzakukhusela apha ekhaya eMzantsi Afrika.

“Ndizakumngqengqisa ukuba ude wakhona umlo. Ude wandikhankanya ku-Instagram, uwufuna ngenene umlo. Ndiyathemba bazakumnika ithuba,” uphefumle watsho uCafu.

UMoloney, owaphumelela imbasa yegolide kwimidlalo yango-2014 yamazwe ayesakuba ngamathanga, uthethe wathi kwiBoxingNews: “Ndiwufuna nasebumnyameni umlo noCafu. Ndicinga ukuba ngumlo owenza into enengqondo lo. Into ephambili kum ngoku kukubetha uCafu, ndibeyintshatsheli yehlabathi.”

UMoloney, owayeyintshatsheli yeWorld Boxing Association (WBA) kudidi lwejunior-bantamweight, wongeze ngelithi: “Ndiyayazi ukuba kuzakufuneka ndiye eMzantsi Afrika, ndilwe naye kowabo. Lonto leyo iyodwa yenza umdla omkhulu kum.

“Yiyo ke indlela yokuba yinjinga yehlabathi. Kukho isizathu sokokuba abeyintshatsheli yehlabathi, kwaye akakabethwa, kodwa ndikholelwa ukuba akakalwi nomntu ofana nam. Bathetha ngoMeyi, ngoko ke sele iqalile inkampu yokuziqeqesha ngethemba lokokuba umlo uzakubakhona.” – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php