Njengokuba imbethi-manqindi yaseMthatha uSiseko Makeleni esazixakekise ngokudlala undize, i-Isizwe Boxing Promotions ikhawulezise yafumana umntu ozakulwa noHlumelo Gingxana eKing Hintsa FET College, eDutywa, ngoMgqibelo kuleveki ezayo.

Ngoku uGingxana uzakuqubisana noMaqhawe Damoyi kumlo wentshinga yaseMpuma Koloni engenamntu kudidi lwelightweight emca kokuba bobabini bezityikityile izivumelwano zomlo.  

“Sityikitye izivumelwano zomlo ezintsha. UGingxana uzakulwa noDamoyi,” uqinisekise watsho uLonwabo Witbooi, oqeqesha uGingxana.

Umlo kaMakeleni noGingxana uye waphelela emoyeni emva kokuba exelele umphathi wakhe uThembelani ‘Shakes’ Hlombe ukuba akazokukwazi ukulwa kwitumente ye-Isizwe Boxing Promotions ngenxa yokungaziva mnandi.   

“UMakeleni undixelele ukuba udumbe imilenze, kwaye akazokukwazi ukulwa kuleveki ezayo. Ndimcebise ukuba aye kwagqirha ukuze axilongwe, emveni koko andithumelele iphepha likagqirha elingqina ukuba akaphilanga,” utshilo uHlombe ngoLwesithathu.

Kuye kwafunyaniswa ukuba uMakeleni, owabuyela eMthatha, esula eMonti ngoDisemba nyakenye, ebengaziqeqeshi, nto ke leyo enyanzelise uSigcawu akhangele enye imbethi-manqindi enokulwa noĢingxana, owagqibela ukulwa ngethuba ebetha uBongani Mbiko eGinsberg Hall, eQonce, ngoDisemba kulonyaka ophelileyo.

Kwelinye icala, uDamoyi ebenqatyelwe yimilo kususela mhla wabethwa nguMakeleni eTsolo Junction Hall, kuQumbu, ngoDisemba 2023. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php