Emva kokwenza imbali yokuba yimbethi-manqindi yokuqala ukunqumamisa owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane uJackson ‘M3’ Chauke, injinga yehlabathi uRicardo ‘Magic Man’ Malajika uzakubuyela eqongeni ngosuku lwamanina.

UMalajika, oyintshatsheli ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwempukane nakudidi lwejunior-bantamweight, uzakukhusela enye yeentshinga zakhe ngoMgqibelo umhla wethoba ku-Agasti. 

UMalajika, oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu, uthabathe ngaphantsi kwemizuzu emithandathu wanqumamisa uChauke, owayengazange anqunyanyiswe ngaphambili nowagqibela ukubethwa kudidi lwempukane ngo-April 2013, waze ke ngaloondlela waphumelela intshinga ye-IBO kudidi lwempukane e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngoMgqibelo kuleveki ephelileyo. 

“Sizakukhusela intshinga yodidi lwejunior-bantamweight. Into esithethe ngayo noRicardo kukuba uzakwehlela kudidi lwempukane ukuba kuvela ithuba elinemali entle kakhulu,” utshilo uManny Fernandes, ongumqeqeshi kaMalajika.  

UFernandes wongeze ngelithi ngumlawuli kaMalajika uBrian Mitchell nomqondisi weGolden Gloves uRodney Berman abazakuthabatha isigqibo malunga nokokuba lomfana uzakuyithi tya na intshinga ye-IBO kudidi lwempukane. 

Kusenjalo, uMalajika, ophumelele imilo esixhenxe ilandelelana, akakabethwa kususela mhla wabethwa nguSikho Nqothole eSun City, eRustenburg, ngo-Epreli 2022. 

UMalajika sele ephumelele imilo elishumi elinesihlanu, engqengqise amadoda alishumi elinanye, ebethwe kabini ukususela kumlo wakhe wokuqala kudidi lwabahlawulwayo, apho wabetha khona uNkululeko Mnisi e-Emperor’s Palace ngo-Okthobha 2018. – Monwabisi Jimlongo  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php