Emva kokukhokelela uNozipho Bell kwimpumelelo kumlo no-Abongile Lubambo eNangoza Jebe Hall, eNew Brighton, eGqeberha, ngoMgqibelo, umqeqeshi wamanqindi uLonwabo Witbooi udize ukuba umsebenzi nenjongo yakhe ngoku kukubuyisela lentshatsheli yoMzantsi Afrika kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-lightweight kumanqwanqwa ehlabathi. 

Esilwa ngaphambi kwabalandeli bakhe eGqeberha, uBell unqumamise uLubambo kumjikelo wesibhozo ephawula ukubuyela kwakhe eqongeni emva kwesithuba esingaphaya kweminyaka emibini.

“Njengokuba ewuphumelele umlo wakhe, umsebenzi wam ngoku kukumbuyisela kumanqwanqwa ehlabathi. Wakhutshelwa ngaphandle kumanqwanqwa ehlabathi ngenxa yokunqatyelwa yimilo,” utshilo uWitbooi. 

Ngaphambi kokulwa noLubambo, lenzalelwane yaseWalmer yayingazange ilwe ukususela mhla yabetha uMashudu Ramakwelo kumlo wentshinga yoMzantsi Afrika eKariega ngoDisemba 2022. 

Umlo phakathi kwentshatsheli yamhlamnene kwiWorld Boxing Federation (WBF) kudidi lwentambanani uBukiwe ‘Anaconda’ Nonina wawukhe wasemilonyeni yabathanfi bamanqindi nyakenye, kodwa awuzange wenzeke. Ngoku uWitbooi usakholelwa ukuba lowo ngumlo ofunwa luluntu lwamanqindi.

“Ngelilixa sisalindele ukufumana amathuba ngaphandle kwemida yeli, ndicinga ukuba umlo kaBell noNonina kufuneka wenzekile nokokuba kwenzeka ntoni kumlo wangoMgqibelo phakathi koNonina noBernice Ferreira,” utshilo uWitbooi.

“Ndisakholelwa ekubeni umlo phakathi kukaBell noNonina ungamhle kakhulu kumanqindi. Ingayinto entle kakhulu emanqindini abasetyhini eMzantsi Afrika ukubona iimbethi-manqindi zasetyhini ezimbini eqongeni. Ngaphandle koNonina, alikho elinye inenekazi elingalwa noBell apha eMzantsi Afrika.” – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php