Kwilinge lokuqinisekisa ukuba intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight uNtethelelo Nkosi uwa kwiWBC Grand Prix, unqeqeshi wakhe uDamien Durandt uyaphika ukuba imbethi-manqindi yakhe yatyikitya isivumelwano sokulwa no-Aphiwe ‘Swagger’ Boyiya kumlo wangeCawa umhla wamashumi amabini anesixhenxe ku-Epreli. 

UNkosi watyikitya neKay B Pomotions ukuze akhusele intshinga yakhe kuBoyiya eMonti kulenyanga ezayo. Kodwa kwincwadi ayibhalele ikomiti evuma nekhaba imilo kwaBoxing South Africa (BSA), Durandt uveze ukuba uNkosi akanaso isivumelwano somlo wangomhla wamashumi amabini anesixhenxe ku-Epreli.

Endaweni yoko, uDurandt uvumile ukuba uNkosi watyikitya isivumelwano sokulwa noBoyiya e-Orient Theatre, eMonti, ngoLwesithathu umhla wamashumi amathathu ku-Epreli.

“Ndithanda ukwazisa ikomiti evuma nekhaba imilo ukuba uMnumzana uNkosi watyikitya isivumelwano somlo noBoyiya ngomhla wesine kuDisemba 2024. Umhla owatyikitywayo yayingowamashumi amathathu ku-Epreli,” uDurandt utshilo kwincwadi yakhe.

UDurandt wongeze ngelithi: “Ndicela niqaphele ukuba umthelekisi wafeda ekundinikeni isivumelwano esitsha njengokuba wawuguqulayo umhla womlo wathi uzakuba ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe ku-Epreli 2025, ngoko ke asiwutyikityelanga  lo mlo.”

Ecelwa ukuba aphefumle, uMzi Booi weKay B Promotions uthethe wathi: “Sisamile isivumelwano somhla wamashumi amathathu ku-Epreli. Sithethe ngoWhatsApp kwilinge lokuguqula umhla ukuya kumhla wamashumi amabini anesixhenxe ku-Epreli. Ukuba bendingabo, bendizakugxila kulamlo (weWBC Grand Prix), mahle kakhulu amaqithiqithi phaya.”

Kusenjalo, iWBC Grand Prix izakuqala kwelaseSaudi Arabia kulenyanga ezayo, kwaye olukhuphiswano luneembethi-manqindi ezilikhulu elinamashumi amabini anesibhozo – kudidi losiba, olwejunior-welterweight, olwemiddleweight nodidi lwanzima. 

Udidi ngalunye luneembethi-manqindi ezingamashumi amathathu anambini, kwaye zizakulwa kwazodwa. Olu khuphiswano luzakuqala kwisigaba seequarter-finals, apho kuzakuliwa imilo yemijikelo esibhozo.

Inani lemijikelo lizakufunquka liyokutsho kwelishumi xa kufikelelwe kumagqibela kankqoyi. Abaphumeleleyo bazakuzuza iJose Sulaimán Trophy, ethiywe ngegama lomongameli weWBC, owalandulelayo eli. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php