Ngelingeni iKay B Promotions ide yamtyikitya uSipho Mahlangu ukuba alwe no-Aphiwe ‘Swagger’ Boyiya ekuthambekeni kwalenyanga ezayo.
UBoyiya, okwindawo yokuqala kuluhlu lweembethi-manqindi kudidi lwejunior-welterweight eMzantsi Afrika, noMahlangu, obekwa kwindawo yesibhozo, bazakungquzulana kumlo wentshinga engenamntu eMonti ngeCawa umhla wamashumi amabini anesixhenxe ku-Epreli.
Lentshinga ishiyeke ingenamntu emva kokuthiwa xibilili ngobeyintshatsheli uNtethelelo Nkosi ngoLwesibini. UNkosi wathabatha isigqibo sokuyilahla lentshinga emva kokufumana ithuba elihle lokulwa kwiWBC Grand Prix, ezakuqala kwelaseSaudi Arabia kulenyanga ezayo.
UNkosi, oyinzalelwane yaseMtubatuba, uye wakhetha ukuyokulwa eSaudi Arabia emva kokuba ikomiti evuma nekhaba imilo kwaBoxing South Africa (BSA) ibimyalele ukuba makakhusele intshinga kuBoyiya okanye ayishiye.
Kungoku nje uBoyiya, oyintshatsheli yamhlamnene eMzantsi Afrika kudidi losiba nolwejunior-lightweight, uyinjinga yaseMpuma Koloni kudidi lwejunior-welterweight. Bobabini uBoyiya noMahlangu balwa noLindokuhle Dlamini kwimilo yabo yokugqibela.
UBoyiya wabetha uDlamini ngamanqaku kumlo owawungoNovemba, logama uMahlangu walwa ngokulingana noDlamini ngo-Agasti kulonyaka ophelileyo.