Akazokuphumla u-Ayabonga ‘Jay Jay’ Sonjica, obethe uThato Bonokoane ngamanqaku ngokuhlwa kwangoMgqibelo, njengokuba elungiselela omnye umlo wakhe.
USonjica ulwe okokuqala kwisithuba esiphantse sibeyiminyaka emithathu, ebetha uBonokoane, owayeyinjinga yeWorld Boxing Federation (WBF) kudidi lwejunior-featherweight, eGalleria Venue, eSandton, eRhawutini, apho banqwale bobathathu abagwebi, bevumelana ngelithi uphumelele emva komlo wemijikelo emithandathu.
Ngaphambi kokulwa noBonokoane, uSonjica, intshatsheli yamhlamnene eMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight, ube engazange alwe ukususela mhla wanqunyanyiswa kumjikelo wesithandathu nguBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu e-Orient Theatre, eMonti, ngoJulayi 2022.
“Ibingumlo omhle wokubuyela eqongeni, imijikelo emithandathu neluqilima, sisilwa noThato, oyimbethi-manqindi ewuchanayo umcimbi. Bekukuhle kakhulu ukubona uJay Jay esilwa kwakhona emva kokuba abanye abantu babengafuni ukumnceda afumane umlo,” utshilo uSean Smith, ongumqeqeshi kaSonjica.
Njengokuba ugqithile umlo noBonokoane, lenzalelwane yaseDuncan Village, eneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, izakulwa noSanele Maduna eSunBet Arena, eMenlyn, ePitoli, ngosuku lwabasebenzi.
“Uzakubuyela eqongeni ngomhla wokuqala kuMeyi. Yinto entle leyo kuJay Jay,” udize watsho uSmith, ozinze eRhawutini.
Emva kokubethwa nguMahlangu, uSonjica wakhe wahlala isithuba esingaphaya konyaka kuluhlu lweembethi-manqindi eziphambili kweli, wade wakhutshwa ngenxa yokungalwi. Kwaye ngokutsho kukaSmith, bakwiphulo lokubuyisela uSonjica kuluhlu lweembethi-manqindi eziphambili elizweni.
Kusenjalo, umlo kaSonjica uzakuba yinxalenye yetumente apho uKevin Lerena azakukhusela khona intshinga yakhe yeWorld Boxing Council (WBC) kudidi lwebridgerweight xa esilwa noSerhiy Radchenko wase-Ukraine. – Monwabisi Jimlongo