Omnye umntu ebengacinga ukuba yonelisekile intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane uNkosingiphile Sibisi njengokuba enerekhodi eligqibeleleyo eyiphumelele yonke imilo yakhe elishumi.
Kodwa ke akunjalo njengokuba lembethi-manqindi eneminyaka engamashumi amabini anesithathu neyinzalelwane yaseGlencoe kwiphondo laKwaZulu-Natal iziva ngathi ngeyithe chatha ukwenza.
“Ndiziva ngathi amanqindi am ame ngxi nangona ndivuya kuba ndiyintshatsheli yoMzantsi Afrika. Ndinamaphupha amakhulu, kwaye ndifuna ukuwazalisekisa,” utshilo uSibisi.
USibisi usandula ukukhusela ngempumelelo intshinga yakhe yoMzantsi Afrika isihlandlo sesibini emva kokubetha uZolile Miya waseSoweto ngamanqaku kwiholo yase-Estcourt, KwaZulu-Natal, ngokuhlwa kwangeCawa.
“Into endinokuyithetha kukuba ndivuya kakhulu njengokuba ndiyikhusele ngempumelelo intshinga yam. Bekukho abantu ebebecinga ukuba uZolile uzakuyithabatha intshinga yam, kodwa akwenzekanga oko,” utshilo uSibisi.
Wongeze ngelithi uSibisi: “Ndibonakalisile kwakhona ukuba ndim okhonyayo kudidi lwempukane. Ngenxa yoko ke ndingathanda ukuya phambili, ndilwele intshinga yehlabathi. IKwaZulu-Natal ayinayo intshatsheli yehlabathi, kwaye ndifuna ukwenza imbali ndibeyiyo.”
USibisi, oyiphumelele yolishumi imilo yakhe, ekwanqumamise amadoda amabini, waphumelela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika emva kokubetha uTrevor Nghonyama ngoMatshi nyakenye. Sele eyikhusele ngempumelelo kuTheo Nxayiphi nakuMiya. – Monwabisi Jimlongo