Uzakubuyela eqongeni uThulani ‘Evolution’ Mbenge njengokuba ezakulwa nommi waseNamibia u-Emmanuel Mungandjela ePitoli kwisithuba esingaphantsi kweenyanga ezimbini.

UMbenge noMungandjela, oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu, bazakuvana amandla eSunBet Arena, eTime Square, ngoLwesine umhla wokuqala kuMeyi. 

Kodwa ke uMbenge uzakube engayikhuseli intshinga yakhe ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwewelterweight xa esilwa noMungandjela. 

lzakuba ngumlo wokuqala kaMbenge kususela mhla waphumelela ibhanti ye-IBO emva kokubetha uMichael McKinson eCopper Box Arena, eMiddlesex, e-United Kingdom, ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo. 

“Besizama ukuba akhusele intshinga yakhe ye-IBO. Zintathu iimbethi-manqindi eziye zarhoxa. I-IBO iye yasolulela ixesha, kwaye ngoku sizakulwa noMungandjela kumlo wemijikelo elishumi,” ucacise watsho uSean Smith, oqeqesha uMbenge.

UMungandjela, owayiphumelela kabini intshinga yaseNamibia kudidi lwewelterweight, uzakulwa okwesibini ngaphandle kwemida yelizwe lokuzalwa kwakhe.

Izinto azizange zimhambele kakuhle kumlo wokuqala njengokuba wabethwa nguPierce O’Leary ngethuba babesilwela intshinga yeWorld Boxing Council (WBC) International kudidi lwejunior-welterweight eLondon ngoNovemba 2022. 

Ukanti, ayizange yakhe yanqunyanyiswa xa isilwa lenzalelwane yase-Ongwediva nanjengokuba sele iphumelele imilo engamashumi amabini, inqumamise amadoda alithoba, yabethwa kwimilo emine, yaze yalwa ngokulingana komnye. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php