U-Abdul-Aziz Kunert usingisa eRhawutini ngoMvulo apho azakuqumbela khona amalungiselelo omlo wakhe kunye nembethi-manqindi yaseNambia uMateus ‘The Beast’ Heita eWindhoek, eNamibia, kulenyanga ezayo.

UKunert uzakucela umngeni kuHeita, oyintshatsheli yeWorld Boxing Organisation (WBO) Africa kudidi losiba, kwiholo iRamatex ngoMgqibelo umhla weshumi elinambini ku-Epreli.

Lomfo ozinze eKapa uya kumlo noHeita, obekwa kwindawo yeshumi elinesithathu kuluhlu lweWBO, emva kokubethwa ngamanqaku yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba uZolisa Batyi e-Orient Theatre, eMonti, ngoNovemba. 

“Ndiya eRhawutini ngoMvulo. Ngokolwazi lwam, ndihamba ngomhla wethoba ukuya eNamibia. Ndisoloko ndiwulungele wonke umcelimngeni ozakuguqula ubomi bam,” utshilo uKunert.

UKunert yimbethi-manqindi yesibini yaseMzantsi Afrika ukulwa noHeita kwisithuba esingaphantsi konyaka. UHeita, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, wanqumamisa uThato Bonokoane kumjikelo wesibini kumlo wango-Agasti kulonyaka ophelileyo.

Engekabethwa kwimilo elishumi elinesithathu, enqumamise amadoda alithoba, uHeita unqumamise uTatenda Biningu kumjikelo wesihlanu eWindhoek Country Club Resort ngoNovemba nyakenye. 

Kusenjalo, umthelekisi uNestor Tobias unike letumente igama elithi ‘Tribute to Founding President Dr Sam Nujoma Boxing Bonanza’ enika imbeko kumongameli waseNamibia nongasekhoyo uSam Nujoma. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php