Onelisekile yindlela elidlale ngayo iqela lakhe emva kokuquthisa iBenin ngamanqaku amabini eqandeni kumdlalo wemfezeko weNdebe yeHlabathi ka-2026, umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos uchwayitile ziziphumo zalomdlalo.
Lommi waseBelgium ukholelwa ukuba icebo lakhe lisebenze kakuhle kumdlalo namakhwenkwe aphuma eNtshona Afrika njengokuba amanqaku eBafana kwisiqingatha sesibini efakwe nguLyle Foster noJayden Adams.
“Okokuqala, ndicinga ukuba sibahlalutye kakuhle. Okwesibini, ndicinga ukuba abadlali benze kanye lento besibaxelele yona. Besiyazi apho singabayingozi khona kumdlalo neBenin,” utshilo uBroos.
“Liqela eliluqilima, kodwa senze kakuhle ngokugcina ibhola, salinda amathuba namaxesha afanelekileyo. Kuqale kwabalula kwisiqingatha sesibini. Ndithe kumncedisi wam, ukuba sinokufaka inqaku, singawuphumelela umdlalo. Ndicinga ukuba kubenjalo. Ndicinga ukuba bekufanelekile ukuba siphumelele.”
Kusenjalo, lomqeqeshi, oneminyaka engamashumi asixhenxe anesibini nowayeqeqesha ii-Indomitable Lions zaseCameroon, ugxininise wathi ingakhe ilinge iBafana yenze izinto ngobudenge.
“Bekungekho lula eMzantsi Afrika kunyaka wokuqala. Bekukho iingxaki ezininzi, kodwa siqhubele phambili sakhangela abadlali abafanelekileyo kwiindawo zonke. Sibafumene, kwaye ndicinga ukuba sineqela eliluqilima,” utshilo uBroos.
“Asiboyiki abadlala nathi. Ukusebenza nzima njengokuba sele senzile yeyona nto esifanele ukuyenza. Andithi yonke into sele yenziwe. Sikwindawo entle, kodwa ndicinga ukuba oluluhlu esinalo ukuba asenzanga ngobudenge, sele sisondele ekuzibekeleni indawo kwiNdebe yeHlabathi.”
IBafana, ephezulu kuGroup C ngamanqaku alishumi elinesithathu emva kwemidlalo emithandathu, ishiyekelwe yimidlalo emine ezakuyidlala neLesotho, iNigeria, iZimbabwe neRwanda. Yomine lemidlalo, ezakudlalwa ngoSeptemba nango-Okthobha, izakudlalelwa eMzantsi Afrika.