Sizakuthatyathwa ngoLwesine isigqibo sokokuba ingaba i-Orient Theatre, eMonti, izakukulungela na ukusingatha itumente yamanqindi ezakwenziwa yiLast Born Boxing Promotions kulempelaveki esiya kuyo.
NgoDisemba nyakenye uBoxing South Africa (BSA) wachaza i-Orient Theatre yodumo njengendawo ephantsi komngcipheko ngenxa yobugxwayiba bayo.
UBSA wakhankanya izinto eziliqela ezazonakele kuquka nokungabikho kwezibane kwindawo apho iimbethi-manqindi zinxibela khona kunye nezindlu zangasese ezazikwimeko embi, zingenazo nezibane.
Imeko yalendawo ethandwa kunene yanyanzelisa ukuba umqondisi wezemisebenzi kwaBSA uMandla Ntlanganiso abhalele umanejala weBuffalo City Metro (BCM) uMxolisi Yawa ngoDisemba emcela ukuba umasipala alungise, avuselele i-Orient Theatre, nophahla olwaluvuza amanzi phezu kweqonga ekulwelwa kulo.
“Umsebenzi wokulungisa uphahla, izindlu zangasese kunye nezibane uqale ngoMvulo. Isivumelwano sesokokuba ibe sele ilungisiwe i-Orient Theatre, kwaye iyilungele itumente yangeCawa. Isigqibo sokulungela ukusingatha itumente sizakuthatyathwa ngoLwesine,” utshilo uMlandeli Tengimfene weLast Born Boxing Promotions.
Ukanti, umlo ophambili kwitumente yeLast Born Boxing Promotions uzakube uphakathi kukaMthokozisi Ngxaka noThami Luthuli kwintshinga yoMzantsi Afrika nengenamntu kudidi lweminimumweight.
Kusenjalo, ingxelo esezandleni zamagosa aseBCM ichaza ngokucacileyo ukuba ibhunga maliqaphele ingozi enokwenzeka ngenxa yemeko embi ye-Orient Theatre.
Lengxelo iqhuba ngelithi icala lasempuma, elihleli phezu kwesikafile, malidilizwe ngaphambi kokuba liziwele, into ke leyo engabangela umlilo nokubhubha kwabantu.