UMphathiswa weZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uGayton McKenzie uyakunyevulela ukuxhatshazwa kweembethi-manqindi ngabanye abathelekisi, ingakumbi ezo ezenza iitumente ngemali ephum kwinxili yabarhafi.
Ethetha kwisidlo sangokuhlwa nebesibanjelwe eFreedom Park, ePitoli, ngokuhlwa kwangoMvulo, uMcKenzie uthe: “Abanye abathelekisi bafumana isigidi, baze banike iimbethi-manqindi amawaka amane. Ukususela ngoku, ukuba urhulumente wephondo ukunike isigidi seerandi njengomthelekisi, amashumi amabini ekhulwini, oko kukuthi amawaka angamakhulu amabini eerandi aya kwabo balwayo.”
UMcKenzie woleke ngelithi: “Thina njengeSebe leZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko sizakunika iimbethi-manqindi, ngaphambi kokunikwa imali ngabathelekisi, amawaka alishumi eerandi. Leyo ke ayikabiyiyo imali abayilwelayo. Makungabikho nanye itumente eyenzekayo ukuba umthelekisi akakwazi ukuza nemali elinganayo. Awusoze ubekho umlo ukuba imbethi-manqindi inikwa imali engaphantsi kwamawaka angamashumi amabini.”
Etheta ebhekisa kwingqonyela ebambeleyo kwaBoxing South Africa (BSA) uTsholofelo Lejaka, uMcKenzie uthe: “Kuwe ngqonyela, ungangxami ngokuvuma imilo. Akukho namnye umthelekisi omakakuxhaphaze. Akukho namnye umlo okanye itumente emayenzeke ingafakwanga imali yeembethi-manqindi. Ladlula ixesha labathekisi abathe nqo oosopolitiki ngempumlo.” – Monwabisi Jimlongo