Emva kokuthembisa ngokwenza into malunga nomba onobuzaza wokungabikho kwevideo assistant referee (VAR) kwibhola ekhatywayo yaseMzantsi Afrika, uMphathiswa weZemidlalo uGayton McKenzie uvakalise ukuba izakuqala kulenyanga ukusetyenziswa i-VAR.
Ngethuba ethetha kwisidlo sangokuhlwa namagqala amanqindi eFreedom Park, ePitoli, ngoMvulo, uMcKenzie ugxininisile ukuba i-VAR izakuqalisa ukusetyenziswa kwibhola ekhatywayo yabahlawulwayo kweli.
“Ibhola ekhatywayo kweli idinga i-VAR, ngoko ke singaphuma apho. Iyeza i-VAR, nokokuba niyathanda okanye anithandi. U-Epreli yinyanga ye-VAR,” utshilo uMcKenzie.
Ibhola ekhatywayo kudidi lwabahlawulwayo eMzantsi Afrika ithubeleze kumava abuhlungu ngenxa yezigqibo zoosompempe ezingatshongo khona, kwaye yiyo lonto uMcKenzie kukudala etyhalela ukuba kuqaliswe ukusetyenziswa i-VAR.