Kulindeleke ukuba uLwando Mgabi ayikhusele okokuqala intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight xa esilwa noSechaba Zuma, obekwa kwindawo yokuqala, kulenyanga ezayo.
UMgabi wabhinqa lebhanti yoMzantsi Afrika emva kokubetha uSihle Jelwana ngamanqaku eSunningdale Sport Complex, eMilnerton, eKapa, ngoSeptemba nyakenye.
Ngoku, lenzalelwane yaseDuncan Village, eMonti, izakusingisa e-Estcourt, KwaZulu-Natal, apho izakulwa khona noZuma ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesine kuMeyi.
“Sele sityikityiwe isivumelwano somlo, kwaye umlo uzakubanjelwa e-Estcourt ngomhla wamashumi amabini anesine kuMeyi,” uqinisekise watsho uMgabi, ozinze eKhayelitsha, eKapa.
Ngokokutsho kukaMgabi, umlo wakhe noZuma uzakwenziwa ngumthelekisi uHlula Dladla weHlula Dladla Boxing Promotions (HDBP).
UMgabi, oneminyaka engamashumi amabini anesithathu, uyiphumelele yosixhenxe imilo yakhe, enqumamise amadoda amabini.
Ukanti, uZuma, ophumelele imilo emine, wanqumamisa indoda enye, wabethwa kwemibini, waze walwa ngokulingana komnye, akakalwi ukususela mhla wabetha uMthobisi Nkosi ePortuguese Hall, eThekwini, ngo-Agasti kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo