Njengokuba u-Aphiwe ‘Swagger’ Boyiya noSibusiso Zingange bakhe balwa kabini ngaphambili, kucetywa umlo wesithathu phakathi kwezimbethi-manqindi zimbini.
I-Ink Sport ingadiza ukuba ezimbethi-manqindi zimbini zingalwa kwakhona, zisilwela intshinga yoMzantsi Afrika nengenamntu kudidi lwejunior-welterweight, ntshinga leyo eyathiwa tya nguNtethelelo Nkosi, ozakulwa kwiWBC Grand Prix kwelaseSaudi Arabia.
Ekuqaleni, uBoyiya ebetyikityele ukulwa noSipho Mahlangu, obekwa kwindawo yesibhozo, e-Orient Theatre, eMonti, ngeCawa umhla wamashumi amabini anesixhenxe ku-Epreli. Kodwa lootumente leyo ayisekho njengokuba imisiwe ngenxa yokulungiswa nokuvuselelwa kwe-Orient Theatre.
UZingange, okwindawo yesibini kuluhlu lweembethi-manqindi zodidi lwejunior-welterweight, wayengafumaneki ngethuba uBoyiya wayetyikityela ukulwa noMahlangu. UZingange wayetyikityele ukulwa noTalent Baloyi eSandton, eRhawutini, mlo lowo awawuphumelela ngamanqaku.
Ebhalela uSiya Vabaza-Booi, ongumanejala kaBoxing South Africa (BSA) eMpuma Koloni, umlawuli weKay B Promotions uMzi Booi uthe: “Sicebe itumente ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe ku-Epreli e-Orient Theatre. I-Orient Theatre isavaliwe ngoku kuba isalungiswa, umsebenzi lowo ekucingeleka ukuba uzakuthabatha iiveki ezine ukuya kwezintandathu. Lonto leyo ifake itumente yethu emngciphekweni. Letumente siyimisele uLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesithathu kuMeyi, e-Orient Theatre.”
UBooi wongeze ngelithi: “Kuzakubakho uthethathethwano ngomlo wentshinga yoMzantsi Afrika engenamntu kudidi lwejunior-welterweight ngenxa yokokuba uMnumzana uMahlangu watyikitya isivumelwano somlo kuba uMnumzana Zingange wayengazokukwazi ukulwa kwitumente yomhla wamashumi amabini anesixhenxe ku-Epreli. Ngoko ke, sizakuvula uthethathethwano nenkampu kaMnumzama uZingange.”
Ukanti, uBoyiya wayiphumelela yomibini imilo yakhe noZingange ngoSeptemba 2015 nango-April 2017. Kodwa ke, umlo wesibini wacinywa emva kofumaniseka ukuba uBoyiya wasebenzisa ifurosemide nehydrochlorothiazide – amachiza angavumelekanga emidlalweni.
Kusenjalo, uBooi uphinde waxelela uVabaza-Booi ukuba sele olathe uLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesixhenxe njengosuku azakwenza ngalo enye itumente yakhe. – Monwabisi Jimlongo