Abalandeli bamanqindi baseMpuma Koloni bazakufumana ithuba kokuba yinxalenye yetumente yokuqala ephondweni yeNational Boxing Championship (NBC) kanye kwindawo yabo ngoJuni.
Oku kulandela emva kokuba iNBC yolathe uLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesixhenxe kuJuni njengemini yokuzisa umlenze wesibini eMpuma Koloni noxa isezakuqinisekiswa eyona ndawo ezakubanjelwa kuyo letumente.
Yonke lengcombolo engaletumente iye yadizwa ngusihlalo weNBC u-Ace Ncobo kwi-Ink Sport.
Kodwa ke ngaphambi kokuba letumente ibeseMpuma Koloni, iNBC izakubuyela e-Arena Holdings, eParktown, eRhawutini, apho izakuba netumente yayo yesibini ngoLwesihlanu umhla wamashumi amathathu kuMeyi.
Ukanti, yahamba kakuhle itumente yamazibulo yeNBC neyayibandakanya iimbethi-manqindi zaseGauteng, KwaZulu-Natal, eMntla Ntshona naseFreystata eyayibanjwe kwisithuba esingaphaya kweveki egqithileyo.
Kusenjalo, ibhodi yeNBC inamalungu afana noNcobo, umthelekisi u-Anney Xala, uCraig Mukhuba, uLerato Mogorosi, uGqirha Koketjo Tsebe noSifiso Shongwe.