Kungenzeka ukuba u-Azinga ‘Golden Boy ‘ Fuzile ubethiwe kumlo wakhe nembethi-manqindi yaseKazakhstan uSultan Zaurbek, kodwa igqiza lakhe elikhokelwa nguMlandeli Tengimfene lanelisekile yindlela alwe ngayo ngokuhlwa kwangoMgqibelo.

UZaurbek, ongekabethwa, uphumelele intshinga ye-International Boxing Federation (IBF) Intercontinental kudidi lwejunior-lightweight njengokuba bobathathu abagwebi banqwalile, besithi ulwe ngokuncomekayo. 

“Sithabathe lo mlo njengokuba besizakulwa ngomhla wamashumi amathathu kuMatshi. Lo mlo ibingowokukhawulezisa izinto. Ibilithuba elihle kakhulu ebesingenokuphoswa lilo nangona belinomngcipheko. Besizakuba kwindawo yesibini kuluhlu lweWBA nakwindawo yesihlanu kuluhlu lwe-IBF ukuba besiwuphumelele lo mlo,” utshilo uTengimfene.

UTengimfene, ongumlawuli kaFuzile, wongeze ngelithi: “Njengegqiza lakhe, sichwayitile yindlela alwe ngayo u-Azinga. Silwe nembethi-manqindi ekudidi oluphezulu nesoloko isilwa qho. U-Azinga uzibonakalisile ukuba ukumgamngatho omnye kunye nayo. Icebo lethu ibikukungenisa u-Azinga kancinane, kancinane kumanqindi ehlabathi. Ngoku uzakulwa kwitumente yeGolden Gloves phaya ngo-Agasti.” 

Ngaphambi kokulwa noZaurbek, lenzalelwane yaseDuncan Village, eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo, ibingazange ilwe kususela mhla yabetha uSebastianus Natanael waseNamibia ngo-Agasti nyakenye. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php