Emva kokunqumamisa lula uGcina Makhoba ebutsheni benyanga ephelileyo, uCharlton ‘Baby Pain’ Malajika uzakubuyela eqongeni xa esilwa noRV Deniega wasePhilippines ngoJulayi.
UCharlton noDeniega bazakulwela intshinga ye-International Boxing Organisation (IBO) Youth kudidi lwentambanani e-Emperor’s Palace, eKempton Park, Ekurhuleni.
“Ndingaqinisekisa ukuba uCharlton uzakulwela intshinga ye-IBO Youth ngoJulayi,” udize watsho uManny Fernandes, ongumqeqeshi kaCharlton.
ICharlton, ongumninawa wentshatsheli ye-IBO kudidi lwempukane nolwejunior-bantamweight uRicardo Malajika, akazange abile nokubila ngethuba enqumamisa uMakhoba kumjikelo wesithathu.
Kusenjalo, uDeniega, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu nokwalinxele, waseGeneral Santos City, wayeyinjinga yodidi lwentambanani ePhilippines, kwaye uphumelele imilo elishumi elinanye, enqumamise amadoda asixhenxe, wabethwa kumlo omnye. – Monwabisi Jimlongo