Wayebonisa abantu ukudla kwamehlo ngethuba esalwa kudidi lwabangahlawulwayo, kodwa zange ubemhle umlo wakhe wokuqala kudidi lwabahlawulwayo njengokuba walwa ngokulingana nommi waseZimbabwe u-Ashton Ziwikaya ngoJulayi kulonyaka ophelileyo.

Ngoku uSimnikiwe Bongco, owayeyinkwenkwezi eqaqambileyo kudidi lwabangahlawulwayo, ufumana elinye ithuba lokuzibonakalisa njengokuba esilwa noBrian Shakoane waseMntla Ntshona eBox Camp, eBooysens, eRhawutini, ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithandathu ku-Epreli.

“Eliyinene lelokokuba andimazi lomntu endizakulwa naye, kodwa ndicinga ukuba akuzokubakho ngxaki. Mna kufuneka ndiqinisekise ukuba ndenza bhetele kunangokuya bendisilwa kumlo wam wokuqala,” utshilo uBongco.

“Kufuneka ndiphole, ndikhululeke, ndilazi ixesha lokubetha izithonga xa ndisilwa. Ayikho imfuneko yokungxama xa ndilwayo. Ndakhawuleza ndadinwa kumlo wam wokuqala ngenxa yokokuba ndandizixhesha.”

UBongco, oyinzalelwane yaseDuncan Village, eMonti, noqeqeshwa nguShannon Strydom eRhawutini, wongeze wathi: “Ndibuyele apha eRhawutini ndisuka eMonti ngoJanyuwari. Okokoko ndimaxhaphetshu, ndisebenza nzima.”

Kusenjalo, zilishumi elinesibini iimbethi-manqindi ezizakulwa okokuqala kudidi lwabahlawulwayo kuletumente enemilo elishumi neyenziwa yiBoxing 5 Promotions. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php