Iziko lokuqeqesha amanqindi eKapa, nelizinze kwisigqubu somkhosi eKhayelitsha, lithiwe mbende zizityholo zobuqhwemesha nokuncwasa ngokwesondo.
Oonokrawuzana bathi iziphatha-mandla zasemkhosini ziphanda uWelsh Macibela, ongumlawuli we-9th South African Infantry (9SAI) Boxing Club, emva kokutyatyekwa ngezityholo zobuqhwemesha nesincwaso ngakwiimbethi-manqindi zasetyhini.
Umthombo we-Ink Sport uthe: “Sele iyinto engaphaya kweveki uWelsh emisiwe emsebenzini emva kwezityholo zokuphatha gwenxa imali nokuncwaswa kweembethi-manqindi zabasetyhini. Kubonakala ngathi ebengalandeli imigaqo-nkqubo yasemkhosini. Ngoku uyaphandwa.”
Ekrwecwa ukuba aziphendulele ngezizityholo, uMacibela uthe: “Abantu bangcole kakhulu phandl’apha. Kukho omnye umfo ofikayo apha, kwaye akayazi nendlela esisebenza ngayo. Undityhole ngelithi mna ndisebenzisa imali yasemkhosini ukukhawulelana neemfuno kunye neengxaki zam. Ngoku ndimisiwe emsebenzini. Sele kusisithuba esingaphaya kweveki.”
Eliziko lokuziqeqesha likhaya kwiimbethi-manqindi ezenzelwa phantse yonke into ngumkhosi. Kwaye eliziko liveze iintshatsheli zoMzantsi Afrika ezimbini – uLwando Mgabi noNtombokuqala Tolashe – kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo