UNtethelelo Nkosi nomqeqeshi wakhe uDamien Durandt bantingela kwelaseSaudi Arabia ngoLwesibini, apho lembethi-manqindi eyinzalelwane yaKwaZulu-Natal izakulwa khona kwiWBC Grand Prix, ezakuqala eRiyadh ngoLwesine kuleveki kude kuyokuthi ga ngeCawa.
UNkosi ungomnye weembethi-manqindi ezintathu zaseMzantsi Afrika ezibenenyhweba yokukhethelwa ukuba zilwe kwiWBC Grand Prix. Ezinye iimbethi-manqindi nguBekizizwe Maitse, olwa kudidi losiba, kunye nowayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwanzima uKeaton Gomes.
“Sizakunikela uMzantsi Afrika umva ngoLwesibini. Iimbethi-manqindi zizakuthelekiswa ngoLwesibini,” udize watsho uDurandt.
“UNkosi ukwimeko entle kakhulu, kwaye uchwayitile ukufumana ithuba elinje. Eli lithuba elinqabe kakhulu. Ukuba siphumelele, sizakuqhubela phambili sisilwa njengokuba iimbethi-manqindi zizakulwa rhoqo kwiinyanga ezimbini.”
UNkosi, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo noyinzalelwane yaseMtubatuba, wayithi xibilili intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight kulenyanga ephelileyo kokufumana ithuba lokulwa kwiWBC Grand Prix. – Monwabisi Jimlongo