Lizakwaziswa kuleveki igama lembethi-manqindi ezakucela umngeni kwintshatsheli yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-bantamweight uPhumelela ‘The Truth’ Cafu. 

UCafu, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight, uzakukhusela intshinga yakhe yeWBO kwindawo engekachazwa ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesine kuMeyi. 

“UPhumelela uzakukhusela intshinga yakhe ngomhla wamashumi amabini anesine kuMeyi, kwaye kuleveki sizakubhengeza igama lembethi-manqindi azakulwa nayo. Sizakuphinda sibhengeze nazo zonke iimbethi-manqindi ezizakulwa kulatumente azakulwa kuyo,” uchaze watsho uColin ‘Nomakanjani’ Nathan, ongumqeqeshi nomlawuli kaCafu. 

Ephefumla ngeengxelo ezithi uCafu uzakulwa nentshatsheli yeWorld Boxing Council (WBC) kudidi lwejunior-bantamweight uJesse ‘Bam’ Rodriguez waseMelika, uNathan uthethe wathi: “Ngamarhe nje lawo, kwaye ndisazama ukwazi ukuba asuka phi na lamarhe. Asikwazi ukuthetha ngomlo wangoJulayi logama uPhumelela enomlo kulenyanga ezayo.” 

UCafu oyinzalelwane yaseDuncan Village, eMonti, wothusa uKosei Tanaka, owaphumelela iintshinga ezine zehlabathi, ngethuba ephumelela intshinga yeWBO emva kokumbetha ngamanqaku eJapan ngo-Okthobha nyakenye. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php