Ibambela-ngqonyela kwaBoxing South Africa (BSA) uTsholofelo Lejaka wanelisekile yindlela ezilwe ngayo iimbethi-manqindi ezintathu zaseMzantsi Afrika ngethuba zithabatha inxaxheba kwiWBC Grand Prix eRiyadh kwelaseSaudi Arabia ukususela ngoLwesine weveki ephelileyo kwade kwabangeCawa.

UBekizizwe Maitse, uNtethelelo Nkosi noKeaton Gomes bayiphumelele imilo yabo kwiWBC Grand Prix. UMaitse uquthise ummi waseColombia uRodolfo Puentes, logama uNkosi enqumamise uMarwan Mohamad Madboly waseYiphutha, waze uGomes wabetha uRoberto Medina Aguirre waseMexico. 

“Impumelelo yeembethi-manqindi zethu ezintathu – uBekizizwe Maitse, uNtethelelo Nkosi noKeaton Gomes – abathabatha inxaxheba kwiWBC Grand Prix, ithetha lukhulu kumanqindi elizwe lethu, kwaye lonto ifuna ukunconywa,” utshilo uLejaka. 

“Oku kuza kanye emva kokokuba sibeneengxoxo ezinzulu malunga nokokuba kutheni na iimbethi-manqindi zethu zingenzi kakuhle xa zisilwa phesheya kolwandle? Kunyaka-mali ka-2024/25,  nguPhumelela Cafu, uXolisani Ndongeni noThulani Mbenge, kwiimbethi-manqindi ezingamashumi amabini, abakwazileyo ukubuya nodumo, nto ke leyo exhalabisayo.” 

ULejaka wongeze wathi: “UMaitse, uNkosi noGomes bazibonakalisile kumlenze wokuqala wothotho lwemilo. Siyakholelwa ukuba uMzantsi Afrika unesiphiwo, kwaye ukuba iimbethi-manqindi zethu zinikwa ixesha elaneleyo lokulungiselela ukulwa nezinye iimbethi-manqindi zangaphandle ezikumgangatho ofanayo, sizakuthi gqolo siphumelela xa sisilwa phesheya.” 

Impumelelo yezimbethi-manqindi zintathu zaseMzantsi Afrika izibeke kumjikelo olandelayo weWBC Grand Prix, ozakubanjwa ngoJuni.  

“Luloyiso lulodwa nje kwa into yokokuba iimbethi-manqindi zethu zikhethwe ziyokuthabatha inxaxheba, kwaye kufuneka siqhubele phambili nokuzixhasa zizokuthi gqolo ziphumelela kwimilenze elandelayo,” uqwele ngelitshoyo uLejaka. – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php