Umlawuli weKay B Promotions uMzi Booi ugxininise ngelokokuba itumente yakhe ezayo isezakubanjelwa e-Orient Theatre, eMonti, nangona lendawo ethandwa kakhulu isaqhubela phambili nokulungiswa.
UBooi unethemba lokokuba kuzakube sele kuqukunjelwe ukulungiswa nokuvuselelwa ngokutsha kwalendawo, eneminyaka engamashumi amathandathu, xa esenza itumente yakhe ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesithathu kuMeyi. Ngaphambili, letumente yayizakwenziwa kuleCawa esiya kuyo.
Umlo ophambili kuletumente ngowentshinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba phakathi kwentshatsheli ekhonyayo uZolisa Batyi noLindelani Sibisi.
“Kuqhubela phambili ukuvuselelwa ngokutsha kwe-Orient Theatre, kwaye iyandivuyisa lonto. Sizakuyenzela phaya itumente yethu,” uphefumle watsho uBooi.
Ukanti, uBooi ucacisile ngomlo ka-Aphiwe Boyiya njengokuba ezakulwa noSipho Mahlangu kwintshinga yoMzantsi Afrika engenamntu kudidi lwejunior-welterweight. Lentshinga yashiyeka ingenamntu emva kokuthiwa xibilili nguNtethelelo Nkosi, othabatha inxaxheba kwiWBC Grand Prix kwelaseSaudi Arabia.
Emva kokuyimisela omnye umhla letumente, uBooi wachaza ukuba wayezama ukuguzula uMahlangu ukuze uBoyiya alwe noSibusiso Zingange, obekwa kwindawo yesibini kuluhlu lweembethi-manqindi eMzantsi Afrika, kodwa ke ngoku ayizokwenzeka lonto.
“Akazokulwa uZingange. Sisemile isivumelwano somlo sikaMahlangu, kwaye uzakulwa no-Aphiwe,” uthethe watsho uBooi.
UBoyiya wase-Amalinda, eMonti, uzakulinga ukuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika isihlandlo sesithathu njengokuba wakhe wayinjinga yelizwe kudidi losiba nolwejunior-lightweight. – Monwabisi Jimlongo