Njengokuba eyimbethi-manqindi yokuqala yaseMzantsi Afrika ukukhusela intshinga yeWorld Boxing Council (WBC) ekhaya, intshatsheli yodidi lwebridgerweight uKevin Lerena uzimisele ukwenza kakuhle kumlo wakhe.

ULerena uzakukhusela intshinga yakhe okokuqala xa engquzulana nommi wase-Ukraine uSerhiy Radchenko eSunBet Arena, eTime Square, ePitoli, ngokuhlwa kwangoLwesine. 

“Ndimbone okokuqala ngoMvulo lomntu endizakulwa naye. Ndiwulungiselele nzima lo mlo, kwaye ndiwulungele. Ndiyayazi ukuba yintoni ekufuneka ndiyenzile ngobusuku bomlo. Andisoze ndibethwe kulo mlo,” utshilo uLerena.

Impumelelo iyakuba sisipho semini yokuzalwa kukaLerena njengokuba ezakufinca iminyaka engamashumi amathathu anesithathu kwiintsuku ezine emva komlo wakhe noRadchenko. ULerena uya kulo mlo ephumelele imilo engamashumi amathathu, enqumamise amadoda alishumi elinesine, waze wabethwa kwimilo emithathu. 

Kwelinye icala, uRadchenko, oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo, uphumelele imilo elishumi elinanye, enqumamise amadoda amahlanu, wabethwa kwimilo esixhenxe. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php