Uninzi lwabalandeli bamanqindi, ingakumbi abaseMonti, bathetha ngomlo ongahle ubekho phakathi kuka-Ayabonga ‘Jay Jay’ Sonjica nentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight uSiyabulela ‘Showtime’ Hem. 

Kodwa ke uSonjica, owalwa kwimidlalo ye-Olimpiki ngo-2012, uthi umkhaya wakhe waseDuncan Village makayekwe azonwabele njengenjinga yelizwe. 

USonjica, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight, uxomolozela ukungena kumanqwanqwa eembethi-manqindi zeli emva kwesithuba esingaphaya kweminyaka emibini engalwi.

Kwaye ke, ukubonakalisa ukuba uzimisele ngalonto, uSonjica uphumelele umlo wakhe wesibini kwisithuba esingaphantsi kweenyanga ezimbini enqumamisa uSanele Maduna waseMnambithi kumjikelo wesine eSunBet Arena, eTime Square, ePitoli, ngoLwesine.

“Makayekwe uHem onwabele ukuba yintshatsheli, uselula. Ayikukuba andiyifuni kwakhona intshinga yam, koko ndicinga ukuba umlo kunye nam ungabalekwa, ungabikho,” utshilo uSonjica. 

Impumelelo kaSonjica, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, ebetha uMaduna ize ngaphantsi kweenyanga ezimbini ebethe uThato Bonokoane eSandton, eRhawutini. 

USonjica, owaphulukana nentshinga yoMzantsi Afrika emva kokubethwa nguBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu ngoJulayi 2022, usebenzela ukubuyela kuluhlu lweembethi-manqindi zodidi lwejunior-featherweight eMzantsi Afrika emva kokukhutshelwa ngaphandle ngenxa yokuhlala engalwi. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php