I-Orlando Pirates ibethe iKaizer Chiefs kwakhona njengokuba iyiquthise ngamanqaku amabini kwelinye kumdlalo weBetway Premiership eFNB Stadium, eNasrec, eRhawutini, emva kwemini ngoMgqibelo.

UGlody Lilepo unike abalandeli beChiefs ithemba lempumelelo ngethuba efaka inqaku ngomzuzu wesibini umdlalo uqalile kwibhola ebisuka kuDillan Solomons.  

Kodwa, iChiefs ifedile ukukhusela inqaku layo njengokuba iiBuccaneers zifake inqaku eluze no-Evidence Makgopa, onikwe ibhola nguMohau Nkota ngomzuzu wamashumi amabini anesibini. 

URelebohile Mofokeng uqinisekise ukuba iiBuccaneers ziyaphumelela, efaka inqaku lakhe ngomzuzu wamashumi amathandathu anesibhozo emva kokunikwa ibhola nguDeon Hotto. 

Emva kokubetha iChiefs kumjikelo wokuqala nowesibini, iPirates iwuvale wabangamanqaku alithoba umsantsa phakathi kwayo neMamelodi Sundowns, ethw ngcu phezulu. 

Amakhosi agqibe umdlalo sele enabadlali abalishumi emva kokuba uBradley Cross efumene ikhadi elibomvu ngasekuzeni kuphela komdlalo. 

Kusenjalo, iStellenbosch FC iquthise iLamontville Golden Arrows ngamanqaku amathathu eqandeni eMpumalanga Stadium, eHammersdale.

UDevin Titus, noLesiba Nku kunye noThabo Moloisane ngabo abafake amanqaku eqela laseCape Winelands njengokuba likwindawo yesithathu kumanqwanqwa ePremiership.  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php