Ukuphumelela umlo wakhe olandelayo, apho azakulwa khona nommi waseThailand uSukpraserd Ponpitak, kuyakuba yinto encomekayo kuLerato ‘Lights Out’ Dlamini njengokuba ebuyela eqongeni eCarnival City, eBrakpan, ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesine kuMeyi. 

UDlamini uzakulwa okokuqala ukususela mhla wabethwa ngamanqaku nguTomoki Kameda waseJapan kumlo wokuzibekela indawo emlweni wentshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi losiba eJapan ngo-Agasti nyakenye. 

UDlamini, owazalelwa eWelkom kwiphondo laseFreystata, uyibeke yacaca eyokokuba sele ewulungele umlo nangona nje evumile ukuba akamazi uPonpitak. 

“Andazi nto ngaye, ngaphandle kokukwazi ukuba noko indoda kudala ikhona. Yimbethi-manqindi enamava kakhulu,” utshilo uDlamini, owayeyintshatsheli yeWorld Boxing Council (WBC) International neSilver kudidi losiba. 

“Kufuneka ndiwuphumelele lo mlo njengokuba injongo yam ikukuhlala kuluhlu lweembethi-manqindi eziphambili. Ndiwulungiselele kakuhle lo mlo, kwaye ndifuna ukunyuka kuluhlu lweembethi-manqindi eziphambili. Okwangoku, ndikwindawo yethoba kwi-IBF.” 

UDlamini, owayeyintshatsheli ye-IBF Youth kudidi losiba, uphumelele imilo engamashumi amabini, enqumamise amadoda alishumi elinanye, wabethwa kwimilo emithathu, logama uPonphitak ephumelele izihlandlo ezingamashumi amathathu, wanqumamisa amadoda angamashumi amabini ananye, ebethwe kwimilo engamashumi amabini anesibini. 

UPonpitak, oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe, wanqunyanyiswa kwimilo elishumi ukususela mhla waqalisa ukulwa kudidi lwabahlawulwayo kwiminyaka elishumi elinesithandathu eyagqithayo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php