Emva kokunqunyanyiswa kakubi kumjikelo wokuqala kumlo wakhe nommi waseZambia uSimon Ngoma ngoMatshi, uKaine ‘K9’ Fourie uzakubuyela eqongeni kulenyanga ezayo.

UFourie uzakuzama ukubuyisela isidima sakhe xa esilwa noSifiso Hlongwane kumlo wemijikelo esibhozo kudidi lwelightweight eGalleria Events, eSandton, eRhawutini, ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini ananye kuJuni.

Ezimbethi-manqindi zimbini zizakuya kumlo wazo emva kweziphumo ezingafaniyo kwimilo yazo yokugqibela. UHlongwane wanqumamisa uMhlanganisi Sogcwayi kumjikelo wesine, logama uFourie wabethwa nguNgoma. 

Ukanti, uFourie ubekwa kwindawo yesihlanu eMzantsi Afrika, aze uHlongwane abekwindawo yesibhozo. 

Kusenjalo, emva kokubetha uDenis Mwale waseMalawi ngamanqaku ngoMatshi, ngoku uBoyd Allen uzakulwa noKagiso Bagwasi, ongekabethwa, kumlo wodidi lwejunior-middleweight. 

UBagwasi waseGaborone kwelaseBotswana wanqumamisa u-Almighty Creed Moyo, owayengazange abethwe ngaphambili, kumjikelo wokuqala kumlo wakhe wokugqibela ngoMatshi. 

Kwelinye icala, uLeo Careri, osandula ukunqumamisa uNiclas Nzengu kumjikelo wokuqala, uzakulwa noKongolo Tshimanga kumlo wodidi lwesuper-middleweight bout. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php