Izinto zibonakala ziyihambela kakuhle imbethi-manqindi yaseMdantsane uSiyakholwa Kuse njengokuba esondela kancinane ekubeni alwele intshinga yeWorld Boxing Council (WBC) kudidi lwestrawweight, ntshinga leyo ephethwe nguMelvin Jerusalem wasePhilippines.

IWBC iwuvumile umlo wokuzibekela indawo kowentshinga yehlabathi. Ngoku uKuse uzakulwa noJoey Canoy wasePhilippines e-Emperor’s Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoJulayi.

“Ikomiti yeWBC Silver yonelisekile kukubhengeza ukuba iwuvumile umlo wokukhusela intshinga yeSilver kudidi lwestrawweight phakathi kwentshatsheli uSiyakholwa Kuse noJoey Canoy besilwela intshinga yeSilver kunye nokuzibekela indawo kwintshinga yeWBC, mlo lowo ozakubase-Emperor’s Palace eMzantsi Afrika,” itshilo incwadi evela kuMichael George, ongusihlalo wekomiti yobuntshatsheli beWBC Silver. 

UCanoy uzakutyelela eMzantsi Afrika isihlandlo sesine njengokuba wabethwa nguNkosinathi Joyi ngoDisemba 2019. Wayekhe wabethwa nanguHekkie Budler ngoFebruary 2017.

Umlo wakhe noSimphiwe Konkco, owayeyinjinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lweminimumweight, wachithwa ngoDisemba 2018. Oku kwenzeka emva kokuba uKonkco wavuleka inxeba emveni kokungqubana ngeentloko. 

UCanoy, oneminyaka engamashumi amathathu ananye, uyimbethi-manqindi eluqilima, kwaye uyavela kuluhlu lweWBC, World Boxing Association (WBA), International Boxing Federation (IBF) nolweWorld Boxing Organisation (WBO). 

Ukwindawo yesithathu kwiWBC nakwi-IBF, ubekwa kwindawo yeshumi elinesithathu kwiWBA, aze abekwindawo yesibhozo kwiWBO. Kwelinye icala, uKuse, ozakufinca iminyaka engamashumi amabini anesithandathu ngoMvulo kuleveki ezayo, ukwindawo yesibini kuluhlu lweWBC. 

Kusenjalo, usaqhubela phambili umlo kaKuse noSamuel Salva wasePhilippines e-Emperor’s Palace ngoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye kuMeyi. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php