Emva kokubhengeza ukugaleleka kwakhe kudidi lwabahlawulwayo ngethuba enqumamisa u-Adivhaho Nemutanzhela kumjikelo wesibini kwisithuba esingaphaya kweenyanga ezimbini, uSanele ‘V16’ Sogcwayi ubuyela e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ukuze abonise ngesakhono sakhe kwakhona. 

Kwaye ke ngoku, uSogcwayi uzakulwa noSiphesihle Nkomo, ozakube esilwa okokuqala kudidi lwabahlawulwayo, kwimijikelo emine kumlo okudidi losiba ngoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye kuMeyi. 

“Silwa noSiphesihle Nkomo waKwaZulu-Natal,” uqinisekise watsho uThembelani ‘Shakes’ Hlombe, ongumlawuli kaSogcwayi. 

Nangona nje uSogcwayi waqala kakuhle kakhulu kudidi lwabahlawulwayo, akukho mathandabuzo okokuba kusekuninzi okusafuneka kwenziwe kuye.

USogcwayi, owaphumelela imbasa yesilivere kwi-2024 Nelson Mandela Boxing Cup eThekwini, wabayintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwabahlawulwayo izihlandlo ezisixhenxe waphinda wayinjinga yaseMpuma Koloni izihlandlo ezilithoba. USogcwayi ungumninawa kaMhlanganisi Sogcwayi, olwa kudidi lwejunior-lightweight. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php