Umqeqeshi wamanqindi, ozinze eRhawutini, uCharrit Mukondeleli umkhumbule njengendoda ebinobuntu ongasekhoyo u-Emil Brice, oswelekele ekhayeni lakhe e-Ottery, eKapa, eneminyaka engamashumi amathandathu anesithandathu, ngentseni yangoLwesine.

UMukondeleli umchaze uBrice, ubeligqala lomqeqeshi wamanqindi nowayeyimbethi-manqindi yamhlamnene, ubhubhe emva kwedabi nomhlaza, njengendoda ebinobubele.    

“Wayeyindoda enobuntu kakhulu umalume u-Emil. Ndadibana naye kwelaseTopiya ngethuba sasisendleleni esingise eRussia ngoMatshi 2021. Imbethi-manqindi yakhe uLunga Sitemela noKoos Sibiya, endandimqeqesha, babesilwa kwitumente enye e-Ekaterinburg. Wayenobubele kuthi sonke, kwaye wayezithanda zonke iimbethi-manqindi zakhe,” ukhumbule watsho uMukondeleli.

“Safumanisa ukuba usifunele ihotele ngethuba sifika eMoscow njengokuba sasizakulinda iiyure ezisibhozo ngaphambi kokugqithela e-Ekaterinburg. Besidla ngokufounelana ngethuba elele esibhedlele.”

Kusenjalo, u-Emil waqala ukulwa kudidi lwabahlawulwayo ngoMatshi 1978, ebetha u-Org Slabbert. Wabethwa nguBobby Chisale kumlo wakhe wokugqibela ngo-Epreli 1983.

Wayengumqeqeshi kaLunga Sitemela ngethuba enqumamisa uSibusiso Zingange kumjikelo weshumi, ephumelela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-lightweight ngoMeyi 2022. 

U-Emil wayesekoneni kaSitemela kwakhona ngethuba ephumelela intshinga yeWorld Boxing Federation (WBF) kudidi lwejunior-lightweight emva kokunqumamisa ummi waseBotswana uSteve Bagwasi kumjikelo wesithathu eGaborone ngoJuni 2023. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php