Umlo obuzakuba ngowentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight phakathi kuka-Aphiwe Boyiya noSipho Mahlangu e-Orient Theatre, eMonti, kuleCawa esiya kuyo, ngoku izakuba ngumlo ongengowentshinga.
Oku kulandela emva kokuba abaphathi bakaSibusiso Zingange, okwindawo yesibini, balile ukubhala incwadi yokuthi gu bucala ukuze uBoyiya alwe noMahlangu, okwindawo yesibhozo, kumlo wentshinga.
Ngenxa yalonto, uBoxing South Africa (BSA) uye wanyanzeleka ukuba avumele umlo kaBoyiya noMahlangu ingabi ngowentshinga.
“Siyifumene incwadi evuma itumente yethu nethi umlo kaMboyiya ayingowentshinga. Ibingekho imfuneko yokokuba uZingange athi gu bucala kuba wayengafumaneki ngethuba sifaka isicelo saletumente kuba wayesele etyikitye isivumelwano sokulwa ngoMatshi,” utshilo uMzi Booi weKay B Promotions.
“Ngumzekelo ombi lo, kwaye ndithemba ukuba lento enje ayizokubuya ngamntu. Sigqibe kwelokokuba singakhangeli lungenelelo kulo mba njengoko singafuni ukuphazamisana noxolo lwethu kunye namalungiselelo etumente.”
Ukanti, umlo kaBoyiya noMahlangu useza kugabulela izigcawu umlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba phakathi kwentshatsheli ekhuselayo uZolisa Batyi noLindelani Sibisi.
UBatyi sele ekhusele intshinga yakhe izihlandlo ezine ukususela mhla wayiphumelelayo ngokunqumamisa uJeff Magagane kumjikelo wesibini ngoDisemba 2022. – Monwabisi Jimlongo