Ukuba kukho ubani obenamathandabuzo ngokubuyela kwamanqindi eCarnival City, eBrakpan, lomathandabuzo mawaphele njengokuba zonke iimbethi-manqindi zilungele imilo yazo emva kokwenza ubunzima obuqingqiweyo.

NguSamkelo Frank Sotomela kuphela otyelele esikalini izihlandlo ezimbini ngaphambi kokwenza ubunzima obufunekayo, kungenjalo bonke abazakulwa balungele ukubethana. 

USotomela, oyinzalelwane yaseCoffee Bay nobekwa kwindawo yokuqala eMzantsi Afrika, ulwa noTheo Nxayiphi, okwindawo yesibini, kumlo wentshinga engenamntu kwi-International Boxing Federation (IBF) Africa kudidi lwempukane, aze uLucky Monyebane avane amandla noKatlego Khanyisa kumlo wentshinga engenamntu kwi-IBF Africa kudidi lwejunior-lightweight. 

Ngokwangoku, uMonyebane ukwindawo yokuqala kudidi lwejunior-lightweight eMzantsi Afrika, logama uKhanyisa ekwindawo yesibini.

Ukanti, u-Ishmaeel Kadri uqubisana noLineekela Nghifindaka waseNamibia kumlo wentshinga engenamntu ye-IBF Youth kudidi losiba. 

Kusenjalo, letumente izakubona ukubuyela eqongeni kukaLerato Dlamini, owagqibela ukulwa ngethuba ebethwa ngamanqaku nguTomoki Kameda waseJapan ngo-Agasti nyakenye.

UDlamini, oyinzalelwane yaseWelkom, uzakulwa noSukpraserd Pinpothak waseThailand, logama uSikho Nqothole esilwa noReymark Alicaba wasePhilippines. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php