Imilo iza ngokukhawuleza ngoku ku-Ayabonga ‘Jay Jay’ Sonjica njengokuba ezakulwa okwesithathu kwisithuba seenyanga ezine emva kwendlala yesithuba esingaphaya kweminyaka emibini.

Elityendyana laseDuncan Village, eMonti, lizakulwa nenzalelwane yakuKomani uSabelo Ngebiyane kumlo ozakudibanisa iintshatsheli zoMzantsi Afrika zamhlamnene ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesibhozo kuJulayi. 

“Uzakubakhona umlo noSabelo. Sizakulwa naye ngomhla weshumi elinesibhozo kuJulayi ngaphabtsi kwe-Aquila Boxing Promotions,” uqinisekise watsho uSean Smith, ongumqeqeshi kaSonjica. 

USonjica, intshatsheli yamhlamnene yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight, uzakuya kumlo noNgebiyane emva kokubetha uThato Bonokoane ngoMatshi kunye noSanele Maduna ekuthwaseni kwalenyanga.

“UJay Jay ubenemilo emibini nemihle kakhulu. Ubungekho mbi umlo wakhe wokuqala, nowesibini ubukwanjalomlo wesibini. Uyalwa ke uSabelo. Kodwa ke yimilo eyimfuneko njengokuba sizama ukubuya nje,” utshilo uSmith. 

Kwelinye icala, uNgebiyane, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight, ubethwe yinjinga yaseNtshona Koloni uKaya Mlata eKapa kulenyanga ephelileyo. 

USonjica, owalwa kwimidlalo ye-Olimpiki yango-2012 nozakufinca iminyaka engamashumi amathathu anesine ekuthambekeni kwenyanga ezayo, ukwindawo yeshumi, logana uNgebiyane ekweyethoba kuluhlu lukaBoxing South Africa (BSA). – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php