IKaizer Chiefs ibhengezile emva kwemini ngoLwesine ukuba imkhululile umdlali waseswini uSabelo Radebe emva kokungaphumeleli ngethuba kubolekiswe ngaye kwiqela laKwaZulu-Natal iRichards Bay FC.

URadebe, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, wadlalela amaqela aliqela kwiChiefs de wayokutsho kwiqela elisondele kweliphezulu kwisithuba esingaphaya kweesizini ezisixhenxe.

Emva kokudlala kakuhle kwiDiski Challenge, uRadebe wonyuselwa kwisizini yango-2020/21. Kodwa akazange abenethamsanqa lokufumana amathuba amaninzi okudlala yade iChiefs yabolekisa mgaye kwiNatal Rich Boyz.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php