Kumdlalo oqale ekuqaleni kwesiqingatha sesibini, iSuperSport United idlale ntanga nye ngenqaku elinye macala neLamontville Golden Arrows kwiBetway Premiership eLucas Moripe Stadium, e-Atteridgeville, kwintshona yePitoli emva kwemini ngoLwesine.
Alikho nalinye iqela elikwazileyo ukungcangcazelisa umnatha ngoLwesine, kwaye umdlalo uphele entanga nye ngenqaku macala, amanqaku afakwa kumdlalo owaphela phakathi ngoFebruwari.
Njengokuba umdlalo uphele entanga nye nje, lonto ithetha ukuba iMatsatsantsa a Pitori ayizokuthabatha inxaxheba kwimidlalo eqinisekisa ukuba iyahlala kwiPremier Division.
Kusenjalo, iCape Town City izakudlala namaqela eMotsepe Foundation Championship iCasric Stars ne-Orbit College kwilinge lokuhlala kwiPremier Division.