Kanye nje kwiintsuku ezimbalwa ebethe uSimamkele Singile ngamanqaku, imbethi-manqindi yaseMdantsane u-Amzolele ‘Globe’ Dyeyi uyishiyile iMcAusland Boxing Gym wazibandakanya neNO DOUBT Management kaColin “Nomakanjani’ Nathan kunye nomqeqeshi omtsha uShannon Strydom.
UDyeyi, owaphumelela imbasa yesilivere kwiMandela African Boxing Cup eThekwini nyakenye, uyiphumelele yomithathu imilo yakhe emva kokulwa kudidi lwabahlawulwayo ngaphantsi kolawulo lweMcAusland Boxing Management.
Lomfana, oneminyaka engamashumi amabini anesithathu, yimbethi-manqindi yesithathu esuka eMonti ethe yazimanya nesibaya sikaNathan kwisithuba sonyaka. Kwaqala uPhumelela Cafu, oyintshatsheli yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-bantamweight, kwaze kwalandela uSimnikiwe Bongco emva koko.
“Unxibelelene nam emva kokubetha uSimamkele Singile eMonti. Ndiyakhumbula ngokuya wayezokuziqeqesha eHot Box kulonyaka ophelileyo ngethuba ekwiqela lesizwe sethu, ndathabatheka nguye. Ndithethe noColin, othe angavuya kakhulu ukuba ngumlawuli kaDyeyi njengokuba ebengenasivumelwano namntu,” utshilo uStrydom.
Kusenjalo, uDyeyi uzakubangaphantsi kwesandla somthelekisi weKay B Promotions uMzi Booi.
UDyeyi ulwe okokuqala kwiKay B Promotions ngethuba ebetha uSimamkele Singile ngamanqaku e-Orient Theatre, eMonti, ngeCawa.