Ibiluvuyo lodwa kwiPyramids FC, logama ibikukudakumba nokuphelelwa lithemba kwiMamelodi Sundowns eJune 30 Stadium, eCairo, kwelaseYiphutha ngokuhlwa kwangeCawa.
Oku kubangelwe kukuba iPyramids iphumelele indebe yayo yeCAF Champions League yamazibulo emva kokubetha iSundowns ngamanqaku amabini kwelinye namanqaku amathathu kwamabini ngokwamanqaku angumndilili, yaze ngaloondlela yaba ziikumkani zase-Afrika.
Iqela laseYiphutha liphale phambili ngomzuzu wamashumi amabini anesine ngethuba uFiston Mayele efaka inqaku lokuqala kulandela ukubhatyaza kukaGrant Kekana.
Umdlali wasesiswini kwiPyramids u-Ahmed El Samy ufake inqaku ngentloko emva kwebhola ebisuka kuMohamed Chibi ngomzuzu wamashumi amahlanu anesithandathu.
Ngelingeni iiBrazilians zifake inqaku ngomzuzu wamashumi asixhenxe anesithandathu ngequza lefolosi u-Iqraam Rayners kwibhola eye yabetheka kumdlali wasemva kwiPyramids.