Njengokuba efudukele eRhawutini okwethutyana, eye kwinkampu yokuziqeqesha kulenyanga ephelileyo, kungekudala uMthokozisi Ngxaka uzakuyikhusela okokuqala intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight.
UNgxaka, oqeqeshwa eRhawutini ngowayeyintshatsheli yehlabathi uZolani Tete, uzakukhusela isithsaba sakhe kuThinumzi Gqola, obekwa kwindawo yesithathu eMzantsi Afrika.
UGqola wanqumanisa uMalakhi Sobolo kumjikelo wokuqala ngoMatshi, kwaye ufumana ithuba lokulwa noNgxaka njengokuba uSiphamandla Baleni noSiphesihle Sityo, ababekwa kwindawo yokuqala neyesibini ngokulandelelana, bengakwazi ukucela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika ngenxa yokokuba babethwa kwimilo yabo yokugqibela.
“Sinyanzelekile ukuba sikhusele. Luxanduva lwethu ukuba sikhusele ngoJulayi. Uzakwenzeka lomlo nangona singekasityikityi isivumelwano sawo,” utshilo uMla Tengimfene, ongumlawuli kaNgxaka e-All Winners Boxing Club.
UNgxaka ubeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight emva kokunqumamisa uThami Luthuli kumjikelo wesine e-Orient Theatre, eMonti, kwisithuba esingaphaya kweenyanga ezimbini.
Kusenjalo, naye uGqola sele esenkampini yokuziqeqesha nangona nje naye engekasityikityi isivumelwano sokulwa noNgxaka. – Monwabisi Jimlongo