Sele elwe kabini kuphela uSanele ‘V16’ Sogcwayi kususela mhla wonyukela kudidi lwabahlawulwayo, kwaye kungoku nje umqondisi weGolden Gloves uRodney Berman unento ethi lomfana uzakuba yinto ngobunto bayo kumanqindi oMzantsi Afrika.
USogcwayi waseMdantsane, olwa kudidi losiba, uphumelele umlo wakhe wesibini kudidi lwabahlawulwayo ngethuba ebetha inzalelwane yakwaMashu uSiphesihle Nkomo ngamanqaku e-Emperor’s Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngokuhlwa kwangoMgqibelo.
“Ngokunokwam uSogcwayi uyimbethi-manqindi entle kakhulu nendakhe ndayibona kwiminyaka emininzi. Uya kude kakhulu. Unombizane, kwaye uyakwazi ukulwa. Sele kulixesha elide ndingazange ndachwayita kangaka ngembethi-manqindi,” utshilo uBerman.
USogcwayi, oneminyaka engamashumi amabini anesithathu, wangena kudidi lwabahlawulwayo emva kokuphumelela imilo engamakhulu amabini anamashumi amane anesihlanu, ebethwe nje kwemihlanu. USogcwayi waphumelela imbasa yegolide kwiMandela African Boxing Cup ngo-2022, waze wabuya neyesilivere kulonyaka ophelileyo.
Kungoku nje, uBerman sele embekele umlo wesithathu kulonyaka uSogcwayi, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika izihlandlo ezisixhenxe kudidi lwabangahlawulwayo.
USogcwayi uzakulwa kwitumente apho intshatsheli ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-bantamweight uRicardo Malajika ezakukhusela khona intshinga yakhe kumlo noJayson Mama wasePhilippines e-Emperor’s Palace ngoMgqibelo umhla wethoba ku-Agasti. – Monwabisi Jimlongo