Izakuba yinto yezolo ukunqaba kwemilo kwintshatsheli yoMzantsi Afrika kwicandelo labasetyhini kudidi lwentambanani uSharadene Fortuin njengokuba imbalela yemilo izakufikelela esiphelweni kwinyanga yamanina.

ULonwabo Witbooi, ongumqeqeshi kunye nomlawuli kaFortuin, udize ukuba imbethi-manqindi yakhe izakulwa neyaseZimbabwe uKudakwashe Chiwandire kumlo we-African Boxing Union (ABU) SADC kudidi lwentambanani eCountry Club Harare kwelaseZimbabwe ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithathu ku-Agasti. 

UFortuin waseMpofu kumasipala iRaymond Mhlaba, eMpuma Koloni, uzakuzivuthulula emva kokuhlala isithuba esithe kratya kwiinyanga ezingamashumi amabini engakhange alwe. 

Uzakulwa okokuqala kususela mhla wabetha uPatience Mastara waseZimbabwe ePolokwane ngoSeptemba 2023. 

Kwelinye icala, uChiwandire, owayeyintshatsheli yethutyana yeWorld Boxing Council (WBC) kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-featherweight, ubethwe ngummi waseRussia uKarina Tazabekova eSaint Petersburg kwelaseRussia kumlo wakhe wokugqibela ngoDisemba nyakenye. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php