Iphondo laseMpumalanga lizakuba netumente yalo yokuqala kulonyaka-mali xa uBonginkosi Nhlapho equbisana noSimphiwe Mbhele kumlo wentshinga engenamntu yeWorld Boxing Federation (WBF) Africa kudidi lwelight-heavyweight. 

Lo mlo ophakathi koNhlapho noMbhele uzakubanjelwa e-Event City, eMiddelburg, ngoMgqibelo kwitumente elilima phakathi kweRise Boxing Promotion neBonglez Boxing Promotion. 

“Amalungiselelo am ahambe kakuhle kakhulu. Andiqondi ukuba uMbhele uzakundinika iingxaki. Ndikhe ndaziqeqesha kunye naye ekuthwaseni kwalonyaka ophelileyo,” utshilo uNhlapho.

“Andiqondi ukuba lo mlo uzakugqitha kumjikelo wesine. Akayiyo imbethi-manqindi yodidi lwelight-heavyweight. Ndifuna ukumbonisa into xa sisilwa.”

UNhlapho, obethwe nguMichael Head kwiinyanga ezintathu ezigqithileyo, wayecinga ukuba uzakulwela intshinga yoMzantsi Afrika ngaphambi kokulwela eyeWBF. Kodwa ukubethwa kwakhe nguHead kwammoshela ngethuba lokucela umngeni kwintshinga engenamntu eMzantsi Afrika kudidi lwelight-heavyweight. 

“Andikhange ndicinge ukuba ndizakulwela intshinga yeWBF. Ndandicinga ukuba ndizakulwela eyoMzantsi Afrika kuqala, kodwa andizange ndizifumane iziphumo endandizilindele kumlo wam wokugqibela nangona ndicinga ukuba ndenza ngokwaneleyo ukuze ndibenokuwuphumelela,” uthethe watsho uNhlapho.

Ukanti, uMbhele uzakuya kumlo noNhlapho emva kokubetha uMartin Maswanganyi ngoFebruwari kulonyaka. 

Kusenjalo, uManqoba Magubane uzakukhusela intshinga yodidi lwejunior-lightweight eMpumalanga xa esilwa noVuyo Maphosa kumlo wengabulazigcawu. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php