Owayeyintshatsheli yehlabathi uVasiliy Lomachenko wase-Ukraine ubhengezile emva kwemini ngoLwesine ukuba uthabatha umhla phantsi emanqindini.

Lommi wase-Ukraine, oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe, waphumelela iimbasa zegolide ezimbini kwimidlalo ye-Olimpiki ngaphambi kokuba alwe okokuqala kudidi lwabahlawulwayo ngo-Okthobha 2013, kwaye wabayinjinga yehlabathi izihlandlo ngezihlandlo. 

Wakhe wabayintshatsheli yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-featherweight nolosiba, kwiWorld Boxing Council (WBC), iWorld Boxing Association (WBA), i-International Boxing Federation (IBF), iWBO kunye ne-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwelightweight.

ULomachenko uyeke amanqindi ephumelele imilo elishumi elinesibhozo, enqumamise amadoda alishumi elinesithathu, ebethwe kabini. Walwa noGeorge Kambosos Junior kumlo wentshinga ye-IBF neye-IBO kudidi lwelightweight kumlo wakhe wokugqibela ngoMeyi nyakenye. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php