IBafana Bafana ibuyele ekuphumeleleni njengokuba ibethe iZimbabwe ngamanqaku amabini eqandeni kumdlalo weNdebe yeCOSAFA eFree State Stadium, eMangaung, emva kwemini ngoMgqibelo.

IBafana ibinkqenkqeza phambili ngenqaku elinye eqandeni ekupheleleni kwesiqingatha sokuqala ngenqaku likaKabelo Dlamini nelingene kwimizuzu emine ngaphambi kokuhlaba ikhefu. UDlamini uvalele emnatheni ibhola ebisuka echaphazeni emva kokudlalwa kakubi kukaMasindi Confidence Nemtajela.

U-Ime Okon uxhume wogqitha umntu wonke ngethuba efaka inqaku lesibini ngentloko ngomzuzu wamashumi asixhenxe anesibhozo ukuqinisekisa ukuba iBafana iyaphumelela emva kokubethwa ngenqaku elinye eqandeni yiMozambique kumdlalo wokuvula. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php