Bedlala umdlalo wabo wesibini kwiintsuku ezine, kulandela ukubambana ngeqanda macala omabini kunye neTanzania ngoLwesihlanu kuleveki ephelileyo, iBafana Bafana ibethe iMozambique ngamanqaku amabini eqandeni kumdlalo wobuhlobo ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane, ngokuhlwa kwangoLwesibini.
Emva kokungabikho kwamanqaku kwisiqingatha sokuqala, iBafana iphale phambili ngenqaku elifakwe ngentloko nguSinoxolo Kwayiba kwimizuzu emibini siqalile isiqingatha sesibini kwibhola ebisuka kuMohau Nkota.
Inqaku elihle lika-Ashley Cupido lenze ukuba iBafana inkqenkqeze phambili ngamabini eqandeni ngomzuzu wamashumi asixhenxe ngokuncedwa nguNkota emva kokubhatyaza kodonga lwasemva lweeMambas.