Kubonakala ngathi kufikelelwe ezingqondweni ke ngoku njengokuba umthelekisi wamanqindi osinqe sakhe siseNamibia uNestor Tobias ethembise ngokuhlawula imbethi-manqindi yaseMzantsi Afrika uSnamiso Ntuli emva kokuchithwa komlo wakhe noPaulinus Ndjolonimus ngo-Epreli.

UNtuli wabuyela ekhaya esuka eNamibia engahlawulwanga emva kokuphanza kwalomlo wakhe noNdjolonimus. Oku kwenzeka emva kokuba kwathiwa uNdjolonimus akazokukwazi ukulwa ngenxa yokugula. 

“Wala ukutyikitya ukuze azokufumana ishumi ekhulwimi lemali yakhe nanjengokuba imithetho isitsho. Makabhale incwadi ukuba ke ngoku ufuna ishumi ekhulwini, kwaye ndizakumhlawula,” utshilo uTobias weNestor Sushine Tobias Boxing and Fitness Academy. 

UNtuli, odanileyo, uthe: “Kubonakala ngathi uNestor akafuni ukundihlawula. Eneneni, andiyazi ukuba siyintoni na isono sam. Akukho mntu okhathalayo ngam. Akekho umntu ondincedisayo ukuze ndifumane imali yam eNamibia. NguColin Nathan kuphela umntu ondikhathaleleyo. Ingxaki kukuba iNamibian Boxing Board ayisebenzisani naye.”

UNtuli wongeze ngelithi: “Ayilunganga into eyandehlela eNamibia, kukundixhaphaza okuya. Eyona nto ebuhlungu kukuba yonke lento yenziwa ngumntu owayeyimbethi-manqindi nofanele ukwazi ngcono. Iinyembezi zam soze ziwele phantsi. Kwaye ndiyathemba ukuba ngenye imini naye uzakuyiva lentlungu endikuyo.”  

Kusenjalo, uNtuli udize ukuba sele efake isicelo ecela umngeni kwintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwesuper-middleweight u-Asemahle Wellem.  

Izakuba sisihlandlo sesibini uNtuli ecela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika njengokuba wanqunyanyiswa kumjikelo wesibhozo ngowayeyinjinga yodidi lwemiddleweight uJohn Bopape eDlamini Hall, eSoweto, ngoJulayi 2022. 

Ukanti, uWellem akakayikhuseli lentshinga yoMzantsi Afrika kususela mhla wayiphumelela ngokunqumamisa owayeyintshatsheli uCowin Ray kumjikelo wesine ngo-Okthobha 2022. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php