Lizakufikelela esiphelweni xa kuphela uJuni ixesha lomdlali wasemva kwiKaizer Chiefs noyinzalelwane yaseMozambique u-Edmilson Dove, libhengeze latsho eliqela ngokuhlwa kwangoLwesibini.
Amakhosi abhengeze ukuba uDove uzakulishiya eliqela njengokuba singazokuvuselelwa isivumelwano sakhe sengqesho xa siphela ekupheleni kukaJuni. UDove wafika kwiChiefs esuka kwiCape Town City ngo-2022.
“Sibulela kakhulu ku-Edmilson ngegalelo lakhe kweliqela, kwaye simnqwenelela impumelelo,” atshilo Amakhosi.